Umbane awunakoyiswa – kunjalo? Okanye akunjalo. Ukhe wakucinga oko? Sibona imisontwana eqaqambayo  kwibhalbhu yesibane, kodwa laa mbala ugolide sisinyithi, ayingombane ohamba ngaso. Okanye ingaba nguwo? Ukhe wakucinga oko?

 

Lixesha lokuza neempendulo zokuba siwubona njani umbane. Abambeka kangakanani amandla ombane esiye sawenza luqilima ukuze unike inkonzo kubomi bethu bemihla ngemihla?

 

Iimveliso esizisebenzisayo – ii-iPods, iitotshi, iimayikhroweyivi – zinganegalelo elifihlakeleyo ezingqondweni zethu kwindlela esiwubona ngayo umbane.

 

Ndifuna ukuba undincedise ekuphononongeni ezi mbono. La ngamava abonisa ubuchule nanika umdla ekunokuthi xa ephelile, ube nokwabelana ngawo kunye nabanye abathathi-nxaxheba abangqondo zihlakaniphileyo abaye bandinceda ekucazululeni le mfihlakalo. Kuza kubakho iwayini.

 

 

Njengomthathi-xaxheba kuphando uza:

Kwenza umsebenzi olula wobugcisa womlinganiswa ocingelwayo oveza kakuhle imbali yakho  kunye nombane.

 

 

Ingqokelela yezixhobo zoyilo zomzobo oncomayo

Umthathi-nxaxheba ngamnye wophando ufumana ingqokelela yezixhobo equlathe iipensile ezimibala-bala, amalahle omthi, ipeyinti nephepha. Lixesha lokuba udibane nobuntwana bakho obungaphakathi.  

Ubusuku beziselo

Ufuna ukwazi ukuba wenze mnikelo mni kolu phando luqalisa okutsha? Konke kuza kuvezwa kwiziselo ezenza ukuba uzive upholile.

Ithuba lokunxibelelana

Abathathi-nxaxheba bethu bophando iza kuba liqela elifana lodwa labantu. Abanye bafuna ukuqonda yonke into, abanye  balumkile bathanda amasiko akudala, okanye abanye ngabantu abanika umdla ongenakudibana nabo kwimisebenzi yakho yemihla ngemihla.  

Uluntu nezobugcisa

Ukuba yinxalenye yeqela lethu lophando kuza kudala inkqubo eyodwa eza kwenza ukuba siqonde ubudlelwane bethu  nendalo nezobugcisa.

Akuz’ukuthatha hambo

Siza kuza kuwe. Iingxaki zezothutho nokupaka imoto zezethu. Zonke ii-ofisi zifumaneka naphi na eNtshona Koloni.

 

 

Ulwimi lwenkobe

Abantu abathetha isiBhulu, isiNgesi, isiXhosa.

Indawo yokuhlala

Abahlali baseNtshona Koloni.

Ubudala obufunekayo

Iminyaka eli -18 ukuya kwiminyaka eli -150. Ingqondo esebenzayo ikwenza uhlale umtsha naphakade.

 

 

Ukuze ufumane i-CV emfutshane, cofa kumfanekiso ongasekhohlo okanye uqhagamshelane nam apha:

Cell: 082 555 1909

Tell: 021 421 7236

i-am@byronqually.com