Ukuyigqiba nje kwakho imisebenzi, uyaqalisa umsebenzi wam onzima. Umsebenzi wakho wezobugcisa, ukwazisa kwakho lo msebenzi wakho wezobugcisa kunye neenkcukacha ze-LSM ziza kuhlalutywa zodwa ngononophelo,  zize zithelekiswe nezabanye abathathi-nxaxheba. Olu hlalutyo lujonge ekukhangeleni iipatheni ezizodwa nezifanayo phakathi kwabathathi-nxaxheba bophando.

 

 

Umsebenzi wakho uza kuhlalutywa ngoncedo lwegcisa lenzululwazi ngengqondo.

Xa olu phando lugqityiwe, uza kumenywa kubusuku beziselo ezenza ukuba ubani azive epholile,  ukuze kuhlalutywe ngenx’engaphambili okufunyenweyo kuphando, kuze oko kuphengululwe kunye nathi.